MaBhedla Herbal Medicine

MaBhedla Herbal Medicine Mabhedla's products may give you a way out

26/08/2025

Camagwini bantwana bokugula

Khake nindincede nohlukane nokuncedisa iThongo ngeSthwalo please
Amanzi ne Parafini azidibani khuthalela ukuphahla unyuke intaba Camagu🙏

26/08/2025

Camagwini bantwana bokugula

Makuphilwe ngabantu

26/08/2025

Emakhosini👏👏

Hamba ngalamandla
Owanikiweyo liThongo lakuni

Musa kulunguza hleze wohluthwe lento bakunike yona abakuni andifuni kungena nzulu kulendaba bantwana bokugula iyandi khathaza ndithi hlala kwi Lane yakho mntasekhaya inkulu into oyiphathisiwe ngabakowenu sikhathele ngamageza ngoku kwanele angasoze anyangeke kodwa ndithi hlala kwi lane yakho ulinde iThongo lakho lithethe kuwe de uzazi ukuba ungubani makhe ndime apho Camagwini 👏
Mabaphile abantu bakithi

12/08/2025

Camagwini👏👏
Bantwana bokugula

Yithatheleni ingqalelo
Indaba yethongo

Sanusuka nivele nizibone seningene
Emaphehlweni ningaqondi mamelani amathongo enu anixelela ntoni ukuze indlela zenu zizobalula futhi zikhanye
Sukuthi uzele enye into engenye k*m
ndingu Mabhedla uzibone sele ndikufaka imingqa ibelonto ingekakuveleli
Wena and ke awukwazi nomane uthongana
Nam after ndikusebenzile andililo ithongo lakowenu kutheni uzomana uthongana nam mhlawumbi ndikusa somewhere ngokwalapha kwelithongo lakho hayi bantwana bokugula awu kwazu kaloku uk*mane uphupha igqirha zibe izinyanya zakho zingekaku bonisi indlela Camagwini👏 makhe ndime kancinci mabaphile abantu🙏🙏

05/08/2025

Emakhosi 👏👏
Bantwana bokugula
Uthixo maka lale nani
anithwal ngempiko
Zakhe🙏

15/03/2025
11/01/2025

Thokozani bantwana bethongo 👏
Happy New Year to you all ndini nqwenelea unyaka omtsha oyokozela ama thamsanqa kunye nentsikelelo phezu kwentloko zenu
Mabaphile abantu bakuthi ndinithanda into engenaso isiphelo ngoba ngaphandle kwenu andiyonto Camagwini👏👏🙏

05/11/2024

Thokozani 👏 bantwabadala
Alithwasiswa iwele bethuna plz🙏

05/11/2024

Thokozani zindlondlo 👏👏

20/10/2024

BAZAKUQALA IBANDLA ELITSHA EDANYANE

ENGCOBO- Iinceku ezine(4) zebandla lobugqwirha i-'Mancoba Seven Angels Ministries', phantsi kwedolophu yaseNgcobo, zizakuqala ubomi obutsha eNtolongweni.

Abafinya-futhe beengcongconi namagudwane wenencukuthi zikaMtyholi zadala isankxwe emveni kokubandakanyeka kwingxushu-ngxushu yokudutyulwa kwamaPolisa kwisikhululo samapolisa eNgcobo.

Olukhwembe-khwembe lwembunda-ndimunye lanyusela isizibini nenqekula kuluntu loMzantsi Afrika, lwashiya nonxunguphalo kwiphondo leMpuma Koloni nakuMzantsi Afrika uphela.

Le cawe yobumnyama yavalwa ngonoquku emveni kwamanyala namanyundulula anuka ukutsha kwelaa bandla.

UAndani Monco(35), Kwanele Ndlwana(27), Siphosomzi Tshefu(26) kunye noPhumzile Mhlatywa(52) bebejamele namatyala angamashumi amabini anesibini(22).

Kuquka kuwo amatyala amahlanu(5) wokubulala, amabini wokuzama ukubulala, iyelenqe ukuphanga kuxhotyiwe nokubanemipu neembumbulu ngenjongo zokubulala.

Bonke banikwe isigwebo sobomi benkolonkoloza kwezimnyama, uMantyi ubathe jize ngeminyaka engama-155 kunye neminyaka engama-185 emveni kwamatile-tile nemigudu yokuzama ukuxhomisa ibhanki.

Iminyaka mithandathu(6) neenyanga ezisixhenxe(7) kwadutyulwa lamapolisa. Inkundla ephakamileyo kaMantyi eMthatha ngemilebe nosiba lukaMantyi uRichard Griffiths iye yanqwala ngamxhelo-mnye yagibisela isitshixo elwandle igweba abaphume-silwe isigwebo sobomi.

UMantyi uthe ezizihelegu zempatsha-mpatsha zamagqwirha zange zibonakalise kuzisola ngesisenzo ngokuthi zibulale abantu abasebenzela iintsapho ukuze bakwazi ukubeka isonka etafileni.

Mzukisi Mangwane
16 EyeDwarha 2024

13/10/2024

Thokozani zindlondlo👏👏
Urhulumente wethu uthi masibe registered sizinyangi

uthini wena mntanomhle

Address

Umtata Mouth

Telephone

+27734825489

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when MaBhedla Herbal Medicine posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Share on Facebook Share on Twitter Share on LinkedIn
Share on Pinterest Share on Reddit Share via Email
Share on WhatsApp Share on Instagram Share on Telegram