Nonkwenkwezi

Nonkwenkwezi Spiritual coach. Igqirha lokuvumisa nokuphehlelela. Forever Living Business Distributor. WhatsApp 0691042035
(1)

06/10/2025

Idyunivesi yase Fort Hare ibisicelile siyokuphahlela inkomfa ezayo ezakube igxile kulwazi lwemveli kunye nenkolo yakwa NTU.

Andithi ngomso ke mna xa ndinikwa ithuba lokushumayela ngenkolo yakwantu.

UKUZIMASANanjengamntu osebenza ngamakhaya, ndinokuqwalasela imikhuba enganambithekiyo maxa wambi. Ngelinye ikhaya elo li...
29/09/2025

UKUZIMASA

Nanjengamntu osebenza ngamakhaya, ndinokuqwalasela imikhuba enganambithekiyo maxa wambi. Ngelinye ikhaya elo lingaqwalaselanga ukuba ekanti liyaphambuka.

Phakathi kwezinto ezinitsi esinokuthetha ngazo, makhe sigxile apha ekuzimaseni.

Kunamakhaya angayithatheli ngqalelo indaba yokuzinyaswa ngabamelwane, izihlobo nezalamane. Ufike befinga iintshiya xa abantu bokuhlala besondela kwikhaya elo linomcimbi.

Ekanti ke ukuzimasa oku sisithethe sidala apha kuNtu. Kumakhaya aqondayo, bayayazi ukuba inento yokwenza nemimoya enobango kwelikhaya. Kude kuthiwe, xa kukho icimbi uqwalasela nkqu negeza elaziwayo ekuhlaleni ukuba lityile na, kuba kaloku iyakuthi kanti eligeza lilo elithwele sinyanya esithile salapha.

Umzimasi uthakazelelwa engena ngesango. Kuthi akuhlala phantsi kuphakame umntu amnike ilizwi malunga nalomcimbi. Ukuze athi esitya azazi ukuba utya ntoni.

Ngokomoya siyayazi ukuba ayingabo abenyama bodwa abazimasileyo. Ikhona neminyanya ekhoyo phakathi kwethu. Xa sikhupha ilizwi, sube kungabhekiswa kwaba benyama kuphela. Kubhekiswa nakwiminyanya.

Abazimasi beza kwelikhaya benxibe ngokuhlonipha ngokwemigaqo yesosithili. Kangangoba umntu oyindoda uhlala ibhatyi eyiphethe ukuze akwazi ukombatha xa efika phakathi kwamanye amadoda, ingakumbi ukuba uzakuvula umlomo athethe. Nkqu iminqwazi iyaziwa ukuba ikhululwa xa kutheni.

Awuhloniphanga kuphela abantu aba baphambi kwakho, uhloniphe abanikazi bomzi abalele ukuthula.

De sithi xa sisebenza uzwelidala umzekelo, emanxoweni ekwadudulwa kuyo ooKhokho bethu, siyagalela utywala sishiye necuba. Ngelithi sishiyela abamelwane abazosabela ukuba sizothini apha. Ukuze abazali aba sizobaphuthuma singabashiyi bekhedamile kuba bengekalandwa bona.

Kwixa elizayo yithi xa ucinga yi waste ukuphungisa abamama bazimasileyo, ucinge ukuba nowakho umakhulu ungumzimasi ngokomoya kweminye imizi.

Lomzuzu ningekabaphi itea abenu omakhulu abangasekhoyo, basamane bephungiswa ngabamelwane!!!

Abantu xa beze kuni, ayithi loonto iikhabhathi zabo ziyalambatha. Yazi ukuba ukuzimasa is a ‘Divine Spiritual Duty’. Intsingiselo yamasiko nezithethe kukugcina isizwe siyimbumba!

Ubothi ‘Camagu Nonkwenkwezi’

Camagwini!Isiko lesi Xhosa (phofu ama Nguni onke ephela) lithi ukuze lisabele libe kanti likhokelwa ngabantu besosiduko ...
25/09/2025

Camagwini!

Isiko lesi Xhosa (phofu ama Nguni onke ephela) lithi ukuze lisabele libe kanti likhokelwa ngabantu besosiduko ncakasane.

UMkhonjwa ngu Mkhonjwa ngokuthi enze izinto ezenziwa nga Makhonjwa.

Kuquka nomsebenzi okhokelwa ligqirha, lona kumele lihambe emveni kwabantu bekhaya.

Exhantini kunqonqoza, kuxoxe umntu wesiduko ukuze iminyanya yelokhaya isabele. Kwinkundla zonqulo igqirha lingakhokela kuba lona lirhumile ngokomoya lisaziwa kwezonkundla. Kodwa alinoqwela ligqibe umntu wekhaya engakhange abhekise.

Ihambe ithi loonto akukhomntu wolunye uhlanga unokunyanga iintsiko zesiXhosa. Ayidalwanga tuuuuu leyo. Umakhosi ngekhe anyange uCamagu. UCamagu ngekhe anyange uMakhosi. Ngaphandleni kokuba ukunyanga lento naye ayiyo. Kuba ke ewe uyakwazi ukugulela imimoya ngemimoya usisiqu esinye.

Abantu abanyanga ngakumbi eGoli, etc….banento yokulahlekisa uhlanga lwamaXhosa.

Soze wenzelwe imfukamo/mvumakufa/mgqabazo ngumntu ongenazo yena. Ubomi! Ithongo lingakubonisa elikufunayo kuwe, ayithi loonto nabani na angenza elandela ithongo. Naye makabe unazo ezontsiko!

Ikwekwe ngekhe idale indoda. Sitsho isiXhosa.

Makungasithelwa ngethongo kube kusonakala.

Ithongo lona sikholosa lona ukuba lisinike umkhomba ndlela. Kodwa njalo loyama ngesiko.

Kuyiloonto kubalulekile ukuba nolwazi ingakumbi lendawo onyanga kuyo. Abantu abakhalela kuwe bahlangule ngendlela engadyobhi isiko labo.

Kugcwele izaphuselane ezinyemba isiko lokunyanga laMaxhosa. Masingemki nomsinga.

Social media kwelinye icala isizela nenkathazo!

Ukuzila xa uligqirha kukuphila komnye umntu. Ubunyulu kukuzithoba kwindalo , kwiminyanya, nobuhlwele beenkundla ozonyath...
24/09/2025

Ukuzila xa uligqirha kukuphila komnye umntu. Ubunyulu kukuzithoba kwindalo , kwiminyanya, nobuhlwele beenkundla ozonyathela kuzo uthandaza ucengela wena namathile ukuphila namandla okunqoba umoya ongendawo.

Ukuzila kukuzilungisa ukuba umoya wakho mawungakhatywa kukukhanya.

Ukuzila ke kuquka:
Ukungatyi amafutha
Ukungaseli utywala
Ukutya ngamaxesha athile
Ukungathetheli phezulu uzekise kade umsindo
Ukungatsibi iziko

Njalo, njalo

Masiphile isizwe

20/09/2025

Anithakathwanga. Nisokoliswa yinto yakokwenu: Umxhaga | Isthwalo sakokwenu

Nantsi event for SMMEs eBhayi...vukuzenzele!
19/09/2025

Nantsi event for SMMEs eBhayi...vukuzenzele!

17/09/2025

Usandokuqala uphangela?: Take care of number ONE

Back to my reality. Ndibamba ngazo zozibini kubantu base Kapa nase Gqeberha ngokundamnkela ngezandla ezishushu. Iye inge...
13/09/2025

Back to my reality.

Ndibamba ngazo zozibini kubantu base Kapa nase Gqeberha ngokundamnkela ngezandla ezishushu.

Iye ingena egazini kum into yokuphakama ndisabele xa ndibizwa ezizweni. Ndibuya ndikhaphukhaphu emoyeni. Ndiye ndizifumana nam kulendlela ndingayaziyo ukuba iyaphi.

Nina nithi mna ndiphilisa nina, mna ndithi nini abaphilisa mna.

Nangamso Zidwesha nezidweshakazi zam

Ndinguye uNonkwenkwezi🤝

12/09/2025

Uyazi njani ukuba it’s time to consult?

12/09/2025

Take care of number ONE

Camagwini zidwesha nezidweshakazi. Ndiyeva abantu bayakhala ukuba bekungamelanga afotwe uNomabhelu. Mna ndedwa ndifunde ...
11/09/2025

Camagwini zidwesha nezidweshakazi.

Ndiyeva abantu bayakhala ukuba bekungamelanga afotwe uNomabhelu. Mna ndedwa ndifunde lukhulu kulencoko. Yaye ndibamba isandla kusapho lwalomntana ngokwabelana nelizwe lonke ngalenyewe.

Izinto zikamoya azifuni sibe nobungangamshe. Abantu bomlambo basibonisile ukuba singabantwana kwisiko lobugqirha. Ndicinga ukuba yindlela abasukhumbuza ngayo ukuba masibuyele esikweni, siyeke ukwenza izinto ngokwenyama.

Masiwumamele lomyalezo. Kwaye inintsi into angayithethiyo uNomabhelu. Usinika elingene thina.

Ndibongisa olusapho ngokuphinda babuyiselwe umntwana ephila. Ingasinceda singamagqirha into yokuba sifune kolusapho indlela abacenge ngayo ukuze umntwana abuye ephila.

Nangamso kusapho lwakhe.

Address

Alice
5700

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Nonkwenkwezi posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Practice

Send a message to Nonkwenkwezi:

Share

Share on Facebook Share on Twitter Share on LinkedIn
Share on Pinterest Share on Reddit Share via Email
Share on WhatsApp Share on Instagram Share on Telegram