29/09/2025
UKUZIMASA
Nanjengamntu osebenza ngamakhaya, ndinokuqwalasela imikhuba enganambithekiyo maxa wambi. Ngelinye ikhaya elo lingaqwalaselanga ukuba ekanti liyaphambuka.
Phakathi kwezinto ezinitsi esinokuthetha ngazo, makhe sigxile apha ekuzimaseni.
Kunamakhaya angayithatheli ngqalelo indaba yokuzinyaswa ngabamelwane, izihlobo nezalamane. Ufike befinga iintshiya xa abantu bokuhlala besondela kwikhaya elo linomcimbi.
Ekanti ke ukuzimasa oku sisithethe sidala apha kuNtu. Kumakhaya aqondayo, bayayazi ukuba inento yokwenza nemimoya enobango kwelikhaya. Kude kuthiwe, xa kukho icimbi uqwalasela nkqu negeza elaziwayo ekuhlaleni ukuba lityile na, kuba kaloku iyakuthi kanti eligeza lilo elithwele sinyanya esithile salapha.
Umzimasi uthakazelelwa engena ngesango. Kuthi akuhlala phantsi kuphakame umntu amnike ilizwi malunga nalomcimbi. Ukuze athi esitya azazi ukuba utya ntoni.
Ngokomoya siyayazi ukuba ayingabo abenyama bodwa abazimasileyo. Ikhona neminyanya ekhoyo phakathi kwethu. Xa sikhupha ilizwi, sube kungabhekiswa kwaba benyama kuphela. Kubhekiswa nakwiminyanya.
Abazimasi beza kwelikhaya benxibe ngokuhlonipha ngokwemigaqo yesosithili. Kangangoba umntu oyindoda uhlala ibhatyi eyiphethe ukuze akwazi ukombatha xa efika phakathi kwamanye amadoda, ingakumbi ukuba uzakuvula umlomo athethe. Nkqu iminqwazi iyaziwa ukuba ikhululwa xa kutheni.
Awuhloniphanga kuphela abantu aba baphambi kwakho, uhloniphe abanikazi bomzi abalele ukuthula.
De sithi xa sisebenza uzwelidala umzekelo, emanxoweni ekwadudulwa kuyo ooKhokho bethu, siyagalela utywala sishiye necuba. Ngelithi sishiyela abamelwane abazosabela ukuba sizothini apha. Ukuze abazali aba sizobaphuthuma singabashiyi bekhedamile kuba bengekalandwa bona.
Kwixa elizayo yithi xa ucinga yi waste ukuphungisa abamama bazimasileyo, ucinge ukuba nowakho umakhulu ungumzimasi ngokomoya kweminye imizi.
Lomzuzu ningekabaphi itea abenu omakhulu abangasekhoyo, basamane bephungiswa ngabamelwane!!!
Abantu xa beze kuni, ayithi loonto iikhabhathi zabo ziyalambatha. Yazi ukuba ukuzimasa is a ‘Divine Spiritual Duty’. Intsingiselo yamasiko nezithethe kukugcina isizwe siyimbumba!
Ubothi ‘Camagu Nonkwenkwezi’