08/11/2025
Molweni eCofimvaba KwaNdungwana.
Masibulele kuwo onke amalungu aphumeleleyo kulomhlangano wokugqibela walombutho AMANDUNGWANA BURIAL SOCIETY besiwubambele Khayelitsha namhlanje [08 November 2025].
Kumntu ongenalwazi ke ngalombutho Amandungwana Burial Society.
Ngumbutho wabafana okanye otata belali yaKwaNdungwana eCofimvaba.Wasekwa ngonyaka ka 2022. Sishukunyiswa yintetha ethi isandla sihlamba esinye...ingxaki akuyo mfana waKwandungwana isiquka sonke. Siwuseka sinenjongo yoqumane okanye ugqumana imiqolo xa ethe omnye wethu wehlelwa lilifu elimnyama.
Asiphelelanga apho ke singulombutho. Sinamaxesha wokhe sidibanise intloko singamalungu, sixhase ngalonto sigqibe ngayo kwizinto ezinceda ulutsha lwale lali yethu. Ininzi ke indima edlalwe ngulombutho singabhala de usiba lugobe.
Yizani bafana/botata bakwaNdungwana sizakheleni umkhumbe ngomthi wegomfero siwutywine ngaphandle nanga phakathi.
Ngoba kuza intsuku ezinzima apho kwenhla iziganeko ezingemnandaga.Kodwa uba sithe sazenzela uMkhumbe sawutywina ngaphakathi nangaphandle SAWUSINDA.