Ntlakanipho Ntlane Traditional Healer

Ntlakanipho Ntlane Traditional Healer Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Ntlakanipho Ntlane Traditional Healer, Medical and health, Kolomane Village, Seymour.

21/11/2020

NABO BEFUN UNDISUBATHA

BAFUNA UKUNDENZA ISINYANYA NGENKANI

NGABATHAKATHI KE ABO,
ANDIYAZ BA KUTHEN BENDILEQA KANJE LONTO BANXAMILE,

NDIFUN UBASOKOLISA BANCAME KE KANT🤞😭😭

CAMAGU👏👏

24/09/2020

MANDICAMAGUSHE BANT BAKUTHI NGALE NTSENI,

SINGABANTU SIPHILA IMPILO ENZIMA, UBUNZIMA KE BUYAKWAZ UKWENZIWA NGOMNYE UMNTU OKANYE NGABANY ABANTU ESPHILA NABO SIBE SIHLEKA NABO, SIYAMONELANA, OMNYE AKAFUNI UBONA OMNYE UMNTU EPHUMELELA OKANYE AMBONE ENENTO ABE YENA ENGENAYO LONTO, SO MNA BENDICEBISA INTO IBENYE EMASIYENZEN UKUZE SIKHULULUKE KOBUBUNZIMA SIBUPHILAYO,

UMNTU XA ENENTO ANGAYIQONDIYO EMPILWENI YAKHE MAKAYE KOOSIYAZI ABAZAMNXELELA INYAN BA KWENZEKA NTON NA NGOBOM BAKHE, OKOKUBANGABA IMPILO YAKHO IMISWE NGUMNTU ITHI KUSIYAZI OBOBUNZIMA UBUNIKWEYO NGULOMNT UKUNIKILEYO MAKABUBUYISELE KUMNIKAZI WABO, UTHULE WAKUGQHIBA UBUKELE, AJIKELWE YINDUKU YAKHE,

CAMAGU👏BANTU BAKUTHI

11/09/2020

Mandicamagushe bantu bakuthi,

Ndiziva ndikhathazekile ngabantu abadlala ngobu Gqhirha babanye abantu,

Xa ulithwasa unguMguli ogulela intsimbi yakowenu kufanele unyangiwe, uye unyangwe liGqhira olinikwa ngabantu bakowenu abadala, uye wenze imithetho elikuyalele yona eloGqhirha, xa ulithwasa uthwasela abantu bakokwenu not abakulotshomi wakho, sukufuna ukwenza ezazinto ubuzibone zisenzwa kutshomi wakho uthi nawe ufuna ukwenziwa njengo Tshomi wakho hlala kwiGqhirha lakho uthobele imithetho yalo elikunika yona, abusetyenziswa ubutshomi ebuGqhirheni, ndiye ndive kabuhlungu xandibona iThwasa licebisa elinye iThwasa ba iya kwiGqhirha elithile kuba lona lenza kanje nakanje, sukukuyifumela lonto ngoba naye uyagula njengawe usanyangwa naye looMntu uzakulahlekisa, andifun nothetha ke ngama Gqhirha amadala agodusweyo lithi izakum liyakuqhatha eliya, sukuvuma ngoba awboniswanga yena, uya kweli uliboniswe ngabantu bakowenu abadala, uyaliboniswa iGqhirha lakho ngabantu bakokwenu abadala, CAMAGWINI bantu bakuthi,

Ba niyakhumbula kakuhle bendikhe ndathi ndngumntwana apha ebuGqhirheni ndisafuna ukukhula, kodwa ke ndinalo ulwazana endinalo lobuGqhirha, masi Camagushe

07/09/2020

MANDI CAMAGUSHE,
NDINGU MNTLANE NTLANGA NQABANE DINGI, NDIZALWA YINTOMBI YASE MAKWAYINI ONCONDE OTOGU OKHAWUTA OTSHIWO OMNDANGE,

Address

Kolomane Village
Seymour

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ntlakanipho Ntlane Traditional Healer posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Share on Facebook Share on Twitter Share on LinkedIn
Share on Pinterest Share on Reddit Share via Email
Share on WhatsApp Share on Instagram Share on Telegram