12/01/2024
Thokozani 👏..
Yazi xa ungumtu kufuneka uhlale uclean. Uba clean njan?
-Kufuneka ube nexesha lophalaza, ewe ke ungayitya into yokhulula isisu ikucleane but uphalaza kubalulekile.
-Ukungcola ngaphakathi kuyavala namaphupho,abanye bathanda nothi xa belele baphuphe besitya. Awunyanzelekanga de uphalaze ngomthi zininz izinto zophalaza.
-Ukufutha kubalulekile futhela isichitho (abanye imizimba yarhawzelela, bahanjwa zizinto ebusweni zininz nje indidi zesichitho).
-Isdina mntase abantu bakudinekele ungathandeki anifuthi alok nina. Awunyanzelekanga ufuthe ngemithi zininz zinto onofutha ngazo .
-Intlantla nayo iyaphalazelwa iyafuthelwa ugeze kuvuleke izinto.
-Zikhona neOil zentlantla ezifakwayo kwinto zothambisa,iziwasho zovasa kodwa umntu uhleli akenzi nenye yazo, gqiba alindele zinto zakhe zikhanye impilo ibelula njani na mntase?
Yazi izinto sezabalula ngoku kuneChemist ezithengisa imithi yesintu neziwasho ungadanga waya sangomeni/gqirheni uncedo uyalufumana.
Kulo nyaka masiyekeni ubuvila, impilo ifuna uqine ulwe ayikho lula.
Andithi hlalani nisebenzisa imithi noo,eminye imithi xa uyisebenzisa kakhul ngoku kuthwe ngowentlantla ukwenzela isdina/izothe ungathandeki.
Emakhosini👏